Uncedo lweZifundo
IsiKhokelo kwiZibhalo


IsiKhokelo kwiZibhalo

IsiKhokelo kwiZibhalo sicacisa iimfundiso ezikhethiweyo, imigaqo, abantu neendawo ezifunyanwa kwiBhayibhile eNgcwele, iNcwadi kaMormon, iMfundiso neMinqophiso, nePerile yeXabiso eliKhulu. Sinika kanjalo isitshixo sezalathiso zezibhalo omawuzifunde nzulu kwisihloko ngasinye. Esi Sikhokelo sinako ukunceda kufundo-nzulu lwezibhalo olwakho, oloyedwa nolosapho. Sinako nokukunceda uphendule imibuzo ngevangeli, ufunde nzulu izihloko kwizibhalo, ulungiselele iintetho nezifundo, nokwandisa ulwazi lwakho nobungqina bevangeli.

Lo mzobo ulandelayo uchaza umzekelo wongeniso kwiSikhokelo kwiZibhalo:

Umfanekiso
umzekelo

Mhlaba

Iplanethi esihlala kuyo, yadalwa nguThixo ngoYesu Krestu ukuze isetyenziswe ngumntu ngethuba lakhe lokulingwa komzimba onokufa. Indawo yawo oya kuyo yokugqibela kukuba uzukiswe kwaye uphakanyiwe (I&M 77:1–2; 130:8–9). Umhlaba uya kuba lilifa lanaphakade labo abathe baphila ngokufanele ubuqaqawuli beselestiyali (I&M 88:14–26). Baya kuvuyela ubuso boYise noNyana (I&M 76:62).

Wadalelwa umntu

Mnqophiso ongunaphakade

Sindiso lwabantwana

Izihloko zingoonobumba abangqindilili.

Izihloko zibandakanya inkcazo emfutshane.

Ezinye izihloko zinongeniso olungaphantsi. Ezi zikuhlobo olubukekela.

Izalathiso zezibhalo ezinxulumeneyo zinikwe kwizigweqe.

Ngamanye amaxesha ulwazi ngesifundo alubandakanywanga phantsi kwesihloko osikhangeleyo. Igama elibukekela elingu Khangela likwalathisa isihloko apho ulwazi lunokufunyanwa khona.

Ngamanye amaxesha ezinye izihloko kwisikhokelo ziqulatha ulwazi olunxulumene nesihloko osifunda nzulu. Amagama abukekela Khangela kanjalo akukhokelela kwezi zihloko zinxulumeneyo.

Izalathiso zezibhalo ezikunceda uqonde iinkcazelo ezingaphakathi kwizigweqe.

Isalathiso sebhalo ngasinye sandulelwa sisicatshulwa esifutshane esivela kwisibhalo okanye isishwankathelo sesibhalo.

Igama elibukekela Khangela (okanye Khangela kanjalo) lilandelwa ngulo mkrwelo likuxelela ukuba ulwazi lufunyanwa kungeniso olungaphantsi (“Sindiso lwabantwana”) lwesihloko esiyintloko (“Sindiso”).