Uncedo lweZifundo
Yona


Yona

Ngumprofeti weTestamente eNdala owayebizwe yiNkosi ekubeni ashumayele inguquko esixekweni saseNineve (Yona 1:1–2).

Incwadi kaYona

Yincwadi kwiTestamente eNdala ebalisa ngamava obomi bukaYona. UYona mhlawumbi akazange ayibhale incwadi ngokwakhe. Uluvo olubalulekileyo lwencwadi kaYona lelokuba uYehova ulawula naphina kwaye uthando Lwakhe akalugcineli isizwe esisodwa okanye abantu ababodwa.

Kwisahluko 1, iNkosi yabiza uYona ashumayele eNineve. Endaweni yokwenza njengoko iNkosi iyalele, uYona wasaba ngenqanawa waza waginywa yintlanzi enkulu. Kwisahluko 2, uYona wathandaza eNkosini, yaza intlanzi yamgabhela ngaphandle uYona kumhlaba owomileyo. Isahluko 3 ubhala ukuba uYona waya eNineve waza waprofetha ngokuwa phantsi kwayo. Nangona kunjalo, abantu baguquka. Kwisahluko 4, iNkosi yamkhalimela uYona ngenxa yokuba nomsindo kuba iNkosi yabasindisa abantu.

UYesu wafundisa ukuba ukuginywa kukaYona yintlanzi kubonisa njengokuxela ukufa kukaYesu novuko (Mat. 12:39–40; 16:4; Luka 11:29–30).