Uncedo lweZifundo
Inzila, Zila


Inzila, Zila

Ukuzibamba ngokuzithandela ekutyeni okanye ekuseleni ngenxa yenjongo yokusondela ngakumbi eNkosini nasekuceleni iintsikelelo Zayo. Xa ababodwa namaqela bezila, bamele kanjalo ukuthandaza ukuze baqonde intando kaThixo nokukhulisa kakhulu ngakumbi ukomelela kwasemoyeni. Inzila ibisoloko isenziwa ngamakholwa enene.

EBandleni namhlanje, usuku olunye lweSabatha qho ngenyanga lubekelwa ecaleni ngenxa yenjongo yokuzila. Ngeli xesha, amalungu eBandla ahlala ngaphandle kokutya namanzi kangangesigaba sexesha elithile. Aze ngoko anikele eBandleni imali anga engebeyichithele ekutyeni kwezo zidlo. Le mali kuthiwa ngumnikelo wenzila. IBandla lisebenzisa iminikelo yenzila ekuncediseni amahlwempu nabasweleyo.