Uncedo lweZifundo
Ookumkani


Ookumkani

Iincwadi ezimbini kwiTestamente eNdala. Ezi ncwadi zibalisa imbali kaSirayeli ukususela kuvukelo luka-Adoniya, unyana wesine kaKumkani uDavide (malunga ne-1015 P.K.), ukuya ekuthinjweni kukaYuda kokugqibela (malunga nama-586 P.K.). Zibandakanya yonke imbali yobukumkani obungasentla (izizwe ezilishumi zakwaSirayeli) ukususela ekwahlukaneni kude kuye ekubeni ama-Asiriya awathabathela ekuthinjweni kumazwe asentla. Khangela kanjalo KuMiswa kweZiganeko ngamaXesha Azo kwisihlomelo.

OoKomkani bokuqala

Isahluko 1 sichaza imihla yokugqibela yobomi bukaKumkani uDavide. Izahluko 2–11 zibhalwe ngobomi bukaSolomon. Izahluko 12–16 zibalisa ngabalandeli kufuphi kanye bakaSolomon, uRehabheham noYarobheham. UYarobheham wenza ulwahlulo lobukumkani bakwaSirayeli. Abanye ookumkani kanjalo bakhankanyiwe. Izahluko 17–21 zibhala iinxenye zobufundisi bukaEliya njengoko wayeyala uAhabhi, ukumkani wakwaSirayeli. Izahluko 22 sibhala ngemfazwe ngokuchasene neAram apho uAhabhi noYehoshafati, ukumkani wakwaYuda, badibanisa imikhosi. Umprofeti uMikayiha waprofetha ngokuchasene nookumkani.

Ookumkani besibini

Isahluko 1:1–2:11 siqhubeka ngobomi bukaEliya, sibandakanya ukunyuswa kukaEliya esiya emazulwini enqweleni yomlilo. Izahluko 2–9 zibalisa ngobufundisi bokholo bukaElisha namandla amakhulu. Isahluko 10 sibalisa ngoYehu, ukumkani, nokuba wayitshabalalisa njani na indlu ka-Ahabhi nababingeleli bakaBhahali. Izahluko 11–13 zibhala ngolawulo olunobulungisa lukaYowashe nokufa kukaElisha. Izahluko 14–17 zibalisa ngookumkani abohlukeneyo abalawula rhoqo ngenkohlakalo, kwaSirayeli nakwaYuda. Isahluko 15 sibhala ngokuthimba kwama-Asiriya izizwe ezilishumi zakwaSirayeli. Izahluko 18–20 zibhala ubomi obunobulungisa bukaHezekiya, ukumkani wakwaYuda, nomprofeti uIsaya. Izahluko 21–23 zibalisa ngookumkani uManase noYosiya. Ngokwesithethe, uManase wayenoxanduva lobufeli-nkolo bukaIsaya. UYosiya wayengukumkani onobulungisa owayemisele kwakhona umthetho phakathi kwamaYuda. Izahluko 24–25 zibhala ngokuthinjwa kwaseBhabhilon.