Uncedo lweZifundo
Mfundiso neMinqophiso


Mfundiso neMinqophiso

Ingqokelela yezityhilelo ezinyulu zemihla yokugqibela nezibhengezo eziphefumlelweyo. INkosi yanikezela ezi kuJoseph Smith nabalandeli bakhe abaliqela ekumiseni nasekulawuleni ubukumkani bukaThixo emhlabeni ngemihla yokugqibela. IMfundiso neMinqophiso ngomnye wemisebenzi esemgangathweni yesibhalo kwiBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela, ihamba kunye neBhayibhile, iNcwadi kaMormoni, nePerile yeXabiso eliKhulu. IMfundiso neMinqophiso ingokukodwa, nangona kunjalo, kungenxa yokuba ayilulo uguqulelo lwamaxwebhu amandulo; iNkosi yanika ezi zityhilelo kubaprofeti Bayo abakhethiweyo ngale mihla ukuze kubuyiselwe ubukumkani Bayo. Kwizityhilelo omnye uphulaphula ilizwi elithambileyo kodwa lomelele eleNkosi uYesu Krestu (I&M 18:35–36).

Imbali yoMprofeti uJoseph Smith ithi okokuba iMfundiso neMinqophiso yayisisiseko seBandla ngemihla yokugqibela noncedo ehlabathini (I&M 70 isihloko). Izityhilelo ezikuyo ziqalisa umsebenzi wokulungiselela indlela yokuBuya kweSibini kweNkosi, ekuzalisekeni kwamazwi onke athethwe ngabaprofeti ukususela oko ihlabathi laqalekayo.