Uncedo lweZifundo
Kwabase-Efese, Incwadi eya


Kwabase-Efese, Incwadi eya

KwiTestamente eNtsha, yincwadi ebhalwe nguMpostile uPawulos eya kwabaNgcwele e-Efese. Incwadi ebaluleke kakhulu, kuba iqulathe iimfundiso zikaPawulos ngeBandla likaKrestu.

Isahluko 1 siqulathe umbuliso oqhelekileyo. Izahluko 2–3 zichaza ukuguquka okwenzekayo ebantwini xa beba ngamalungu eBandla—baba ngabemi abangabahlobo nabaNgcwele, kunye neeNtlanga namaYuda bemanyene kwiBandla elinye. Izahluko 4–6 zichaza iindima zaBapostile nabaprofeti, nemfuneko yomanyano, nemfuneko yokunxiba sonke isikrweqe sikaThixo.