Uncedo lweZifundo
Iingelosi


Iingelosi

Kukho iindidi ezimbini zeziqu ezulwini ekuthiwa ziingelosi: ezo zingoomoya nezo zinemizimba yenyama namathambo. Iingelosi ezingoomoya azikathi zifumane umzimba wenyama namathambo, okanye ngoomoya abakha ngaphambili banomzimba ofayo, kwaye zilindele uvuko. Iingelosi ezinemizimba yenyama namathambo bezithe zavuswa ekufeni okanye zenziwe kumila kumbi.

Kukho izalathiso ezininzi kwizibhalo ngomsebenzi weengelosi. Ngamanye amaxesha iingelosi zithetha ngelizwi lendudumo xa zihambisa iimiyalezo kaThixo (Moz. 27:11–16). Abantu abalungileyo abanemizimba efayo banako kanjalo ukubizwa iingelosi (GJS, Gen. 19:15 [Isihlomelo]). Ezinye iingelosi zisebenza zijikeleze itrone kaThixo ezulwini (Alma 36:22).

Izibhalo kanjalo zithetha ngeengelosi zikamtyholi. Ezi ngaboo moya balandela uLusifa kwaye baphoselwa ngaphandle kobuso bukaThixo kubomi bangaphambi kobenyama baza baphoselwa ezantsi emhlabeni (Isityh. 12:1–9; 2 Nif. 9:9, 16; I&M 29:36–37).