Uncedo lweZifundo
Mana


Mana

Into ecolekileyo, elicwecwana elinjengokutya elingcamleka njengezonkana zobusi (Eks. 16:14–31) okanye zeoli esentsha (Num. 11:7–8). INkosi yayilungiselela ukondla abantwana bakaSirayeli ngethuba leminyaka yabo engamashumi amane entlango (Eks. 16:4–5, 14–30, 35; Yosh. 5:12; 1 Nif. 17:28).

Abantwana bakaSirayeli balithiya imana (okanye man-hu ngesiHebhere)—ethetha “Yintoni?”—ngenxa yokuba babengayazi ukuba laliyintoni na (Eks. 16:15). Kanjalo kwakusithiwa “ukutya kweengelosi” ne “sonka esivela emazulwini” (IiNd. 78:24–25; Yoh. 6:31). Lalingumqondiso kaKrestu, owayeya kuba siSonka soBomi (Yoh. 6:31–35).