Uncedo lweZifundo
Galili


Galili

Kumaxesha amandulo nawangoku, ingingqi eyiyeyona isentla kaSirayeli entshonalanga yoMlambo iYordan noLwandle lwaseGalili. IGalili imalunga neemayile ezingamashumi amathandathu (iikilomitha ezingamashumi alithoba anesixhenxe) ubude iphindwe ngeemayile ezingamashumi amathathu (iikilomitha ezingamashumi amane anesibhozo) ububanzi. Ngokwakudala, ibiqulathe omnye womhlaba othile onguwona ulungileyo needolophu ezizezona zixakekileyo zakwaSirayeli. Imimendo ebalulekileyo ekhokelela eDamasko, eYiputa, nasempuma yakwaSirayeli egqitha iphumela eGalili. Imo zulu yayo ebalaseleyo nomhlaba otyebileyo zivelisa izilimo ezikhulu zomnquma, ingqolowa, irhasi, neediliya. Iindawo zokuloba ngaseLwandle lwaseGalili zazinika urhwebo olukhulu lokuthumela kwamanye amazwe nokokuba zazingumthombo omkhulu wobutyebi. UMsindisi wachitha ixesha Lakhe elininzi eGalili.

Lwandle lwaseGalili

ULwandle lwaseGalili lumi emantla kwaSirayeli. Lwalubizwa kanjalo uLwandle lwaseKinerete kwiTestamente eNdala neChibi laseGenesarete okanye iTibheriya kwiTestamente eNtsha. UYesu wafundisa iintshumayelo eziliqela apho (Mat. 13:2). Ulwandle lunokumila kwepere, ubude obuziimayile ezi-12.5 (20 eekilomitha) nobubanzi obuziimayile ezi-7.5 (12 eekilomitha) obubobona bubanzi balo bukhulu. Lulele kuma-680 eenyawo (207 eemitha) ngezantsi komphakamo wolwandle, oluthi rhoqo lwenze umoya ongqongileyo ube shushu ngokwenene. Umoya obandayo obaleka uvela ezindulini uthi uhlangane nomoya oshushu ngentla kwamanzi rhoqo uvelisa iinkqwithela ezikhawulezileyo (Luka 8:22–24).