Uncedo lweZifundo
Vimba


Vimba

Indawo apho ubhishophu amkela, aphathe ngokuthembekileyo, aze anike amahlwempu iminikelo engcwalisiweyo yabaNgcwele beMihla yokuGqibela. Uvimba ngamnye unokuba mkhulu okanye mncinane njengoko iimeko zifuna. AbaNgcwele abathembekileyo baphisa ngetalente, izinto, neendlela ngokwasezimalini kubhishophu ukuze akhathalele amahlwempu ngexesha lemfuno. Ke ngoko, uvimba unokubandakanya uludwe lweenkonzo ezikhoyo, imali, ukutya, okanye ezinye iimpahla zorhwebo. Ubhishophu uyiarhente kavimba kwaye waba iimpahla neenkonzo ngokwemfuno nanjengoko esalathiswa nguMoya weNkosi (I&M 42:29–36; 82:14–19).