Shumayela Khangela kanjalo Msebenzi wobufundisi; Vangeli Ukunika umyalezo olungiselela ukuqonda okulunge ngakumbi komgaqo wevangeli okanye imfundiso. INkosi ithe yandithambisela ukushumayela iindaba ezilungileyo kwabalulamileyo, Isaya 61:1 (Luka 4:16–21). Sukume, uye eNineve, uze ushumayele kuyo, Yona 3:2–10. Ukususela ngeloo xesha uYesu waqalisa ukushumayela, Mat. 4:17. Yiyani ke kulo lonke ihlabathi, nize nishumayele ivangeli kuzo zonke izidalwa, Marko 16:15. Sishumayela uKrestu obethelelwe emnqamlezweni, â… Â Kor. 1:22–24. Wahamba waza washumayela kubo oomoya entologweni, â… Â Petr. 3:19. Kwakungekho nto ngaphandle kokushumayela nokubashukumisa ngokuqhubekayo ukubagcina benoloyiko lweNkosi, Enoshe 1:23. Wabayalela ukuba bamele ukungashumayeli nto ngaphandle kokuba yayiyinguquko nokholo eNkosini, Moz. 18:20. Ukushunyayelwa kwelizwi kwakunotyekelo olukhulu olukhokelela abantu ekwenzeni oko kulungileyo, Alma 31:5. Akufanele ukuthelekelela okokuba ubizelwe ukushumayela ude ube ubiziwe, I&M 11:15. Akuyi kunikwa nakubani na ukuya phambili ashumayele ngaphandle abe umiselwe, I&M 42:11. Le vangeli iya kushunyayelwa kuzo zonke izizwe, I&M 133:37. Ivangeli yaqala ukushunyayelwa ukususela ekuqaleni, Moses 5:58.