Uncedo lweZifundo
Levi


Levi

KwiTestamente eNdala, ngunyana wesithathu kaYakobi noLeya (Gen. 29:34; 35:23). ULevi waba nguyise wesizwe sakwaSirayeli.

Isizwe sikaLevi

UYakobi wamsikelela uLevi nenzala yakhe (Gen. 49:5–7, 28). Inzala kaLevi yafundisa kwiindawo ezingcwele zakwaSirayeli (Num. 1:47–54). UAron wayengumLevi, nenzala yakhe yayingababingeleli (Eks. 6:16–20; 28:1–4; 29). AbaLevi babencedisa ababingeleli, oonyana baka-Aron (Num. 3:5–10; Ⅰ OoKum. 8:4). Ngamanye amaxesha babesebenza njengeemvumi (Ⅰ IziKr. 15:16; Neh. 11:22); behlinza amadini (Ⅱ IziKr. 29:34; Ezra 6:20); kwaye bencedisa jikelele etempileni (Neh. 11:16). AbaLevi babezinikele ekukhonzeni iNkosi nokwenza imimiselo yabantwana bakwaSirayeli. AbaLevi babetshangatshiselwa esikhundleni sabantwana bakwaSirayeli (Num. 8:11–22); baba njalo yimpahla engaqhelekanga, kaThixo enikelwe Kuye esikhundleni samazibulo (Num. 8:16). Babengangcwaliswanga kodwa babehlanjululelwe iofisi yabo (Num. 8:7–16). Babengenalizwe lelifa eKanan (Num. 18:23–24), kodwa bazuza isishumi (Num. 18:21), izixeko ezingamashumi amane anesibhozo (Num. 35:6), nelungelo lokwamkela amalizo abantu ngamaxesha esidlo (Dut. 12:18–19; 14:27–29).