Uncedo lweZifundo
Oonyana besihogo


Oonyana besihogo

Abalandeli bakaSathana abaya kubandezeleka kunye naye ephakadeni. Oonyana besihogo babandakanya (1) abo balandela uSathana baza baphoselwa ngaphandle kwamazulu ngenxa yovukelo ngethuba lobomi bangaphambili (2) nabo babevunyelwe ukuba bazalelwe kweli hlabathi benemizimba yasenyameni kodwa bakhonza uSathana bazi bemka ngokupheleleyo kuThixo. Abo bakweli qela lesibini baya kuvuswa kwabafileyo kodwa abasayi kukhululwa ekufeni kwesibini (kwasemoyeni) kwaye abanako ukuhlala ebukumkanini bobuqaqawuli (I&M 88:32, 35).