Uncedo lweZifundo
Indlu yesikhungu


Indlu yesikhungu

Indawo yokudibanela esetyenziselwa iinjongo zenkolo. Ngamaxesha eTestamente eNtsha, ifenitshala jikelele yayiqhelekile, eyenziwe yityeya equlathe iincwadi ezisongwayo zomthetho neminye imibhalo engcwele, idesika yokufundela, nezitulo zabanquli.

Iqumrhu lasekuhlaleni labadala lilawula indlu nganye yesikhungu. Bagqiba ekubeni ngubani omele kukwamkelwa nomele ukuntintelwa (Yoh. 9:22; 12:42). Igosa elalibaluleke ngokugqithileyo lalingumphathi wendlu yesikhungu (Marko 5:22; Luka 13:14). Ubengunobhala jikelele, belikhathalela isakhiwo, lize longamele iinkonzo. Umkhonzi owayesenza imisebenzi yobunobhala (Luka 4:20).

Kwakukho indlu yesikhungu kuzo zonke iidolophu apho amaYuda ayehlala khona, kunye ePalestina nakwezinye iindawo. Oku kwakuluncedo olukhulu ekunabiseni ivangeli kaYesu Krestu ngokuba abefundisi bokuqala beBandla babedla ngokubanako ukuthetha kwizindlu zesikhungu (Izenzo 13:5, 14; 14:1; 17:1, 10; 18:4). Esi senzo sifanayo sasikho phakathi kwabefundisi beNcwadi kaMormoni (Alma 16:13; 21:4–5; 32:1) ngokunjalo phakathi kwabefundisi bokuqala kweli xesha lokuzihlanganisela (I&M 66:7; 68:1).