Uncedo lweZifundo
Shadraki


Shadraki

KwiTestamente eNdala, uShadraki, Meshaki, noAbhede-nego babengabafana abangama Sirayeli bona, bekunye noDaniyeli, baziswa ebhotweni likaNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabhilon. Igama likaShadraki lesiHebhere lalinguHananiya. Abafana abane abazange bavume ukuzingcolisa ngokudla ukudla kukakumkani newayini (Dan. 1). UShadraki, uMeshaki, noAbhede-nego baphoselwa ezikweni elivuthayo ngukumkani kodwa balondolozwa ngokumangalisayo nguNyana kaThixo (Dan. 3).