Uncedo lweZifundo
BaFarisi


BaFarisi

KwiTestamente eNtsha, iqela lenkolo phakathi kwamaYuda igama lalo libonisa ukwahlukana okanye inxenye. AbaFarisi babezidla ngokuqwalasela ngqongqo imithetho kaMoses kwaye bephepha nantoni na ebadibanisa neeNtlanga. Babekholelwa ebomini emva kokufa, uVuko, nobukho beengelosi noomoya. Babekholwa ukuba umthetho othethwayo nezithethe zazibaluleke ngokulinganayo njengemithetho ebhaliweyo. Benza abantu abaninzi bamaYuda bathandabuze uKrestu nevangeli Yakhe. INkosi yabachasa abaFarisi nemisebenzi yabo kuMateyu 23; Marko 7:1–23; and Luka 11:37–44.