Uncedo lweZifundo
Enoshe, unyana kaYakobi


Enoshe, unyana kaYakobi

Umprofeti wamaNifayithi nomgcini mbali weNcwadi kaMormoni owathandazela ukuxolelwa kwezono zakhe kwaye wakufumana ngokholo lwakhe kuKrestu (Enoshe 1:1–8). INkosi yanqophisana noEnoshe ekuziseni ngaphambili iNcwadi kaMormoni kumaLeymenayithi (Enoshe 1:15–17).

Incwadi kaEnoshe

Incwadi ekwiNcwadi kaMormoni ethetha ngomthandazo kaEnoshe eNkosini wokuxolelwa kwakhe, kwabantu bakhe, nokwabanye. INkosi yamthembisa okokuba iNcwadi kaMormoni iya kulondolozwa ize yenziwe ifumaneke kumaLeymenayithi ngomhla ozayo. Nangona incwadi iqulathe kuphela isahluko esinye, ibhala ibali elinamandla lendoda eyafuna uThixo wayo emthandazweni, yaphila ngokuthobela imiyalelo kaThixo, kwaye phambi kokufa kwayo yagcobela ulwazi lwayo loMkhululi.