Uncedo lweZifundo
Mnqophiso omtsha nongunaphakade


Mnqophiso omtsha nongunaphakade

Ukuzaliseka kwevangeli kaYesu Krestu (I&M 66:2). Intsha ngalo lonke ixesha ityhilwa ngokutsha kulandela ixesha lokreqo. Iyiyeyanaphakade ngoluvo lokuba ingumnqophiso kaThixo kwaye ithe yonwatyelwa kulo lonke ixesha lokuzihlanganisela likaThixo le vangeli apho abantu babezithandela ukuyamkela. Umnqophiso omtsha nowanaphakade wawutyhiliwe kwakhona ebantwini emhlabeni nguYesu Krestu ngoMprofeti uJoseph Smith. Uqulathe imimiselo enyulu elungiselelwa ngegunya lobubingeleli—enjengobhaptizo nomtshato wasetempileni—ebonelela ngosindiso lomntu, umzimba ongenakufa, nobomi obungunaphakade. Xa abantu besamkela ivangeli baze bathembisa ukugcina imiyalelo kaThixo, iminqophiso kaThixo ebanika iintsikelelo zomnqophiso Wakhe omtsha nowanaphakade.