Uncedo lweZifundo
Mbingeleli omKhulu


Mbingeleli omKhulu

Yiofisi ebubingelelini. Izibhalo zithetha “ngobubingeleli obukhulu” kwizimvo ezimbini: (1) yiofisi eBubingelelini bukaMelkitsedeke; ne (2) phantsi komthetho kaMoses, igosa elongamelayo loBubingeleli buka-Aron.

Uluvo lokuqala lubhekisa kuYesu Krestu njengoMbingeleli oMkhulu kakhulu. UAdam nabo bonke oosolusapho kanjalo babengababingeleli abakhulu. Namhlanje, ababingeleli abakhulu abathathu bakha uBumongameli beBandla baze bongamela phezu kwabo bonke abaphethe ububingeleli namalungu eBandla. Amadoda afanelekileyo awongezelelweyo ayamiselwa abe ngababingeleli abakhulu njengoko kufanelekile kulo lonke iBandla namhlanje. Ababingeleli abakhulu banokubizwa, banikwe iintsikelelo bucala, baze bamiselwe njengoobhishophu (I&M 68:19; 107:69–71).

Kuluvo lwesibini, phantsi komthetho kaMoses, igosa elongamelayo loBubingeleli buka-Aron kwakusithiwa ngumbingeleli omkhulu. Iofisi yayifuzwa kwaye ize ngobuzibulo phakathi kosapho luka-Aron, uAron ngokwakhe engumbingeleli wokuqala omkhulu wohlobo luka-Aron (Eks. 28–29; Lev. 8; I&M 84:18).

Shicilela