Uncedo lweZifundo
Daniyeli


Daniyeli

Umntu owaziwayo ophambili wencwadi kaDaniyeli kwiTestamente eNdala; umprofeti kaThixo nendoda yokholo olukhulu.

Akukho nto yaziwayo ngabazali bakhe, nangona ebonakala engowaye ngowesizukulwana sasebukhosini (Dan. 1:3). Wayethinjelwe eBhabhilon, apho wafumana igama elinguBheletshatsare (Dan. 1:6–7). UDaniyeli nabanye abathinjwa abathathu bala ukutya kukakumkani ngenxa yezizathu zenkolo (Dan. 1:8–16).

UDaniyeli wathandwa kakhulu nguNebhukadenetsare noDariyo ngamandla akhe okuchaza amaphupha (Dan. 2; 4; 6). Kanjalo wafunda waza wachaza umbhalo wesandla oseludongeni (Dan. 5). Iintshaba zakhe zenza iyelenqe ngokuchasene naye, kwaye wajulelwa emhadini weengonyama, kodwa iNkosi yabulondoloza ubomi bakhe (Dan. 6).

Incwadi kaDaniyeli

Incwadi kaDaniyeli inezahlulo ezibini: izahluko 1–6 ngamabali ngoDaniyeli nabalingane bakhe abathathu; izahluko 7–12 yimibono eprofethayo eyabonwa nguDaniyeli. Incwadi ifundisa ukubaluleka kokunyaniseka kuThixo kwaye ibonisa ukuba iNkosi isikelela abathembekileyo.

Umnikelo omkhulu wencwadi kukuchazwa kwephupha likaKumkani uNebhukadenetsare. Ephupheni, ubukumkani bukaThixo kwimihla yokugqibela iboniswe njengelitye elisikwe liphuma entabeni. Ilitye liya kuqengqelekela phambili lize lizalise wonke umhlaba (Dan. 2; khangela kanjalo I&M 65:2).