Uncedo lweZifundo
Bubingeleli bukaMelkitsedeke


Bubingeleli bukaMelkitsedeke

UBubingeleli bukaMelkitsedeke bububingeleli obukhulu ngakumbi okanye obungentla ngakumbi; uBubingeleli buka-Aron bububingeleli obunganeno ngakumbi. UBubingeleli bukaMelkitsedeke bubandakanya izitshixo zeentsikelelo ngokwasemoyeni zeBandla. Ngemimiselo yobubingeleli obukhulu ngakumbi amandla obuthixo enziwa abonakale ebantwini (I&M 84:18–25; 107:18–21).

UThixo kuqala watyhila obu bubingeleli bukhulu ngakumbi kuAdam. Oosolusapho nabaprofeti kuwo onke amaxesha okuzihlanganisela kaThixo babe neli gunya (I&M 84:6–17). Ekuqaleni kwakusithiwa buBubingeleli obuNgcwele, emva koHlobo loNyana kaThixo. Kamva baba nokwaziwa njengoBubingeleli bukaMelkitsedeke (I&M 107:2–4).

Xa abantwana bakaSirayeli basilela ukuphila ngokufanele amalungelo akhethekileyo neminqophiso yoBubingeleli bukaMelkitsedeke, iNkosi yahlutha umthetho omkhulu ngakumbi kwaye ke yabanika ububingeleli obunganeno ngakumbi nomthetho onganeno ngakumbi (I&M 84:23–26). Oku kwathiwa buBubingeleli buka-Aron nomthetho kaMoses. Xa uYesu weza emhlabeni, Yena wabuyisela uBubingeleli bukaMelkitsedeke kumaYuda kwaye waqalisa ukwakha iBandla phakathi kwawo. Nangona kunjalo, ububingeleli neBandla baphinda balahleka kwakhona ngokreqo. Kamva babuyiselwa ngoJoseph Smith Omnci. (I&M 27:12–13; 128:20; M—JS 1:73).

Phakathi kuBubingeleli bukaMelkitsedeke kukho iiofisi yokuba ngumdala, ububingeleli obukhulu, usolusapho, amaShumi aSixhenxe, noMpostile (I&M 107). UBubingeleli bukaMelkitsedeke buya kusoloko buyinxenye yobukumkani bukaThixo phezu komhlaba.

UMongameli weBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela ngumongameli woBubingeleli obukhulu okanye bukaMelkitsedeke, kwaye uphethe zonke izitshixo eziphathelele kubukumkani bukaThixo emhlabeni. Ubizo lobuMongameli luphethwe kuphela yindoda enye ngexesha, kwaye ikuphela komntu emhlabeni ogunyazisiweyo ekusebenziseni zonke izitshixo (I&M 107:64–67; 132:7).