Uncedo lweZifundo
Hlawulela, Ntlawulelo


Hlawulela, Ntlawulelo

Ukuxolelanisa umntu noThixo.

Njengoko kusetyenzisiwe kwizibhalo, ukuhlawulela kukubandezeleka ngetyala ngenxa yesenzo sesono, ngokususa iziphumo zesono kumoni oguqukayo nokumvumela axolelane noThixo. UYesu Krestu wayengokuphela kwakhe onako ukwenza intlawulelo egqibeleleyo yalo lonke uluntu. Wayenako ukwenza njalo ngenxa yokunyulwa Kwakhe nokumiselwa kwiQumrhu eliKhulu phambi kokuba ihlabathi lisekwe (Etere 3:14; Moses 4:1–2; Abr. 3:27), ubuNyana Bakhe obunyulu, nobomi Bakhe obungenasono. INtlawulelo Yakhe ibandakanya ukubandezeleka Kwakhe ngenxa yezono zoluntu, uphalalo lwegazi Lakhe, nokufa Kwakhe novuko olulandelayo engcwabeni (Isaya 53:3–12; Luka 22:44; Moz. 3:5–11; Alma 7:10–13; I&M 19:16–19). Ngenxa yeNtlawulelo, bonke abantu baya kuvuka ekufeni benemizimba engafiyo (Ⅰ Kor. 15:22). INtlawulelo kanjalo inika indlela thina yokuxolelwa kwezono zethu size siphile ngonaphakade noThixo. Kodwa umntu ofikelele iminyaka yokuziphendulela aze afumane umthetho unako ukufumana ezi ntsikelelo kuphela ukuba unokholo kuYesu Krestu, uguquka ezonweni zakhe, ufumana imimiselo yosindiso, kwaye uthobela imiyalelo kaThixo. Abo bangafikeleliyo kwiminyaka yokuziphendulela nabo bangaphandle komthetho bakhululwa ngeNtlawulelo (Moz. 15:24–25; Moro. 8:22). Izibhalo zifundisa ngokucacileyo okokuba xa uKrestu ebengathanga wahlawulela izono zethu, akukho mthetho, mmiselo, okanye idini elalingelanelise iimfuno zobulungisa, kwaye umntu ngengakhange azuze kwakhona ubuso bukaThixo (2 Nif. 2; 9).