Uncedo lweZifundo
Mtyholi


Mtyholi

USathana. Umtyholi lutshaba lobulungisa nabo bafuna ukwenza intando kaThixo. Ngokwenene ungunyana wasemoyeni kaThixo kwaye ngelinye ixesha wayeyingelosi enegunya ebusweni bukaThixo (Isaya 14:12; 2 Nif. 2:17). Nangona kunjalo, wavukela kubomi bangaphambili waza waphembelela isiqingatha sesithathu sabantwana basemoyeni bakaBawo ekubeni bavukele kunye naye (I&M 29:36; Moses 4:1–4; Abr. 3:27–28). Baphoselwa ngaphandle emazulwini, bavinjwa ithuba lokuzuza imizimba yenyama nokuxhamla ubomi benyama, kwaye baya kugwetywa ngonaphakade. Ukususela kwixesha umtyholi waphoselwa ngaphandle emazulwini, uhleli efuna njalo ukukhohlisa onke amadoda nabafazi aze abakhokelele kude nomsebenzi kaThixo ukuze enze lonke uluntu luxhwaleke njengokuba enjalo (Isityh. 12:9; 2 Nif. 2:27; 9:8–9).

Ibandla likamtyholi

Wonke umbutho ongcolileyo nowehlabathi osemhlabeni ogqwetha ivangeli enyulu negqibeleleyo uze ulwe ngokuchasene neMvana kaThixo.