Uncedo lweZifundo
Mchasi-Krestu


Mchasi-Krestu

Nabani na okanye nantoni na ekhohlisa icebo le vangeli eyinene yosindiso nechasa ngokuphandle okanye ngasese uKrestu. UYohane uMtyhili wachaza umchasi-Krestu njengomkhohlisi (Ⅰ Yoh. 2:18–22; 4:3–6; Ⅱ Yoh. 1:7). Umchasi-krestu omkhulu nguLusifa, kodwa unabancedisi abaninzi, kunye iziqu zomoya nezenyama.