Uncedo lweZifundo
Yesu Krestu


Yesu Krestu

Krestu (igama lesiGrike) noMesiya (igama lesiHebhere) lithetha “othanjisiweyo.” UYesu Krestu liZibulo likaBawo emoyeni (Heb. 1:6; I&M 93:21). Ungo Kuphela koZelweyo kaYise enyameni (Yoh. 1:14; 3:16). UnguYehova (I&M 110:3–4) kwaye wayemiselwe ngaphambili kubizo Lwakhe olukhulu phambi kwendalo yehlabathi. Phantsi kolawulo lukaYise, uYesu wadala umhlaba nezinto zonke ezikuwo (Yoh. 1:3, 14; Moses 1:31–33). Wazalwa nguMariya eBhetelehem, waphila ubomi obungenasono, kwaye wenza nentlawulelo yezono zalo lonke uluntu ngokuphalaza igazi Lakhe waza wanikela ngobomi Bakhe emnqamlezweni (Mat. 2:1; 1 Nif. 11:13–33; 3 Nif. 27:13–16; I&M 76:40–42). Wavuka ekufeni, njalo eqinisekisa uvuko lokugqibela lwalo lonke uluntu. NgeNtlawulelo kaYesu noVuko, abo baguqukayo ezonweni zabo baze bathobele imiyalelo kaThixo banako ukuphila ngonaphakade kunye noYesu noYise (2 Nif. 9:10–12; 21–22; I&M 76:50–53, 62).

UYesu Krestu sesona siqu sikhulu esazalelwa kulo mhlaba. Ubomi bakhe bungumzekelo egqibeleleyo wokuba uluntu lumele ukuphila njani. Yonke imithandazo, iintsikelelo, nemimiselo yobubingeleli imele ukwenziwa egameni Lakhe. UyiNkosi yeenkosi, uKumkani wookumkani, uMdali, uMsindisi, noThixo wehlabathi lonke.

UYesu Krestu uya kuza kwakhona esemandleni nasebuqaqawulini ezokulawula emhlabeni ngethuba leMileniyam. Ngomhla wokugqibela, Yena uya kugweba lonke uluntu (Alma 11:40–41; JS—Mateyu 1).

Isishwankathelo sobomi Bakhe (ngolandelelwano lweziganeko)

Gweba

Igunya

Iintlobo okanye imiqondiso kaKrestu

Intloko yeBandla

Iziprofetho ngokuzalwa nokufa kukaYesu Krestu

Ubukho kubomi bangaphambili bukaKrestu

Ubungqina obunikwa ngoYesu Krestu

Ubuqaqawuli bukaYesu Krestu

Ukubonakala emva komzimba onokufa kukaKrestu

Ukuthathela igama likaYesu Krestu phezu kwethu

Ulawulo lweMileniya lukaKrestu

Umzekelo kaYesu Krestu