Uncedo lweZifundo
Mnqophiso ka-Abraham


Mnqophiso ka-Abraham

UAbraham wafumana ivangeli waza wamiselwa kububingeleli obukhulu ngakumbi (I&M 84:14; Abr. 2:11), kwaye wangena emtshatweni weselestiyali, ongumnqophiso wokuphakanyiswa (I&M 131:1–4; 132:19, 29). UAbraham wafumana isithembiso sokuba zonke iintsikelelo zale iminqophiso ziya kunikwa izizukulwana zenyama yakhe (I&M 132:29–31; Abr. 2:6–11), Zibandakanyiwe, le minqophiso nezithembiso, zibizwa umnqophiso kaAbraham. Ukubuyiselwa kwalo mnqophiso kwakukuBuyiselwa kwevangeli kwimihla yokugqibela, kuba ngayo zonke izizwe zomhlaba zisikelelwe (Gal. 3:8–9, 29; I&M 110:12; 124:58; Abr. 2:10–11).