Uncedo lweZifundo
Khanyiso, Khanyiso lukaKrestu


Khanyiso, Khanyiso lukaKrestu

Amandla anyulu, amandla, okanye impembelelo ephuma kuThixo ngoKrestu nenika ubomi nokhanyiso kuzo zonke izinto. Ngumthetho izinto zonke ezilawulwa ngawo emazulwini nasemhlabeni (I&M 88:6–13). Kunceda kanjalo abantu baqonde iinyaniso zevangeli kuze kuncede ukubabeka kuloo mendo wevangeli okhokelela elusindisweni (Yoh. 3:19–21; 12:46; Alma 26:15; 32:35; I&M 93:28–29, 31–32, 40, 42).

Ukhanyiso lukaKrestu akumele lubhidaniswe noMoya oyiNgcwele. Ukhanyiso lukaKrestu alungomntu. Yimpembelelo eza ivela kuThixo kwaye ilungiselela umntu afumane uMoya oyiNgcwele. Yimpembelelo yokunceda ebomini babo bonke abantu (Yoh. 1:9; I&M 84:46–47).

Okunye ukubonakaliswa kokhanyiselo lukaKrestu sisazela, esinceda umntu akhethe phakathi kokulungileyo nokubi (Moro. 7:16). Njengokuba abantu befunda ngakumbi ngevangeli, izazela zabo ziba buthathaka ngakumbi (Moro. 7:12–19). Abantu abaphulaphula kukhanyiso lukaKrestu bakhokelelwa kwivangeli kaYesu Krestu (I&M 84:46–48).