Uncedo lweZifundo
Khulula, Khululiweyo, Nkululeko


Khulula, Khululiweyo, Nkululeko

Njengoko lisetyenziswe kwizibhalo, amagama khulula nenkululeko lineentsingiselo ezimbini: (1) Ukukhulula, ukuthenga, okanye ukukhulula ibanjwa, njengokukhulula umntu ebukhobokeni ngentlawulo. INkululeko ibhekisa kwiNtlawulelo kaYesu Krestu nohlangulo esonweni. INtlawulelo kaYesu ikhulula lonke uluntu ekufeni kwasenyameni. NgeNtlawulelo Yakhe, abo banokholo Kuye nabaguqukayo kanjalo bakhululwe ekufeni kwasemoyeni, kwaye (2) amandla okanye ukuba nako ukwenza izikhetho ezizezakho ngaphandle kwesinyanzelo. Kuluvo lwasemoyeni, umntu oguqukayo nothobela intando kaThixo nemigaqo yevangeli ukhululekile ebukhobokeni besono ngeNtlawulelo kaYesu Krestu (Yoh. 8:31–36; Moz. 5:8).

Njengokukhulula umntu ebukhobokeni ngentlawulo

Ukuba nako ukwenza izikhetho ezizezakho