Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 138


Icandelo 138

Umbono onikwe uMongameli Joseph F. Smith eSalt Lake City, eUtah, Oktobha 3, 1918. Kwintetho yakhe yokuvula eyama-89 iNkomfa yeSiqingatha sonyaka yeBandla Jikelele, Oktobha 4, 1918, uMongameli Smith wabhengeza okokuba ufumene unxibelelwano, oluliqela olunyulu kwiinyanga ezingaphambili. Olunye lolu nxibelelwano ngokunxulumene notyelelo loMsindisi koomoya babafileyo xa umzimba Wakhe wawusengcwabeni, uMongameli Smith wathi wafumana oku kumhla ongaphambili. Kwabhalwa ngokukhawuleza ukulandela ukuvalwa kwenkomfa. NgoOktobha 31, 1918, kwanikezelwa kubacebisi kuBumongameli boKuqala, iQumrhu labaLishumi elineSibini, noSolusapho, kwaye kwamkelwa ngabo ngamxhelomnye.

1–10, UMongameli Joseph F. Smith uphonononga ngokuphathelele kwimibhalo kaPetros notyelelo lweNkosi yethu kwilizwe lemimoya; 11–24, UMongameli Smith ubona abafileyo abalungileyo behlangene eparadesi nobufundisi bukaKrestu phakathi kwabo; 25–37, Ubona ukushunyayelwa kwevangeli ukuba kwalungiselelwa njani phakathi koomoya; 38–52, Ubona uAdam, uEva, nabaninzi babaprofeti abangcwele kwilizwe lemimoya abacingela ubume bomoya wabo phambi kovuko lwabo njengobukhoboka; 53–60, Abafileyo abalungileyo balo mhla baqhuba imisebenzi yabo elizweni lemimoya.

1 Ngowe-3 kaOktobha, kunyaka wewaka elinamakhulu alithoba aneshumi elinesibhozo, ndahlala egumbini lam andazikisa ngokuphathelele kwizibhalo;

2 Kwaye ngokuphathelele kwidini elikhulu alokusihlawulela elenziwa nguNyana kaThixo, blokukhululwa ehlabathini;

3 Kwaye authando olukhulu nolumangalisayo lwenziwa lwabonakala nguYise noNyana ekuzeni bkoMkhululi ehlabathini;

4 Ukuze angentlawulelo yakhe, bnangokuthobela imigaqo yevangeli, uluntu lube nokusindiswa.

5 Xa ndandixakekile njalo, ingqondo yam yabuyela kwimibhalo yompostile uPetros, akwabangcwele bamandulo abasasazwe ngaphesheya kulo lonke belasePonto, elaseGalati, elaseKapadoki, nakwezinye iindawo zelaseAsiya, apho ivangeli yayithe yashunyayelwa emva kobethelelo emnqamlezweni lweNkosi.

6 Ndavula iBhayibhile ndaza ndafunda izahluko esesithathu nesesine sencwadi yokuqala kaPetros, kwaye njengoko ndandifunda ndithabatheke kakhulu, ngaphezu kunokuba ndandinjalo ngaphambili, zizicatshulwa ezilandelayo:

7 “Kuba uKrestu kanjalo ngelinye ixesha wabulalekela izono zethu, ubulungisa bubulalekela inkohlakalo, ukuze abe nokusizisa kuThixo, ebekwa ekufeni enyameni, kodwa wadliswa ubomi ngoMoya:

8 “Kanjalo ngawo wahamba kwaye washumayela koomoya aentologweni;

9 “Ngelinye ixesha yayingathobelanga, xa ukubandezeleka okukhulu kukaThixo kwalinda ngemihla kaNowa, xa umkhombe wawulungiselelwa, abambalwa kuwo, oko kukuthi, imiphefumlo esibhozo yasindiswa ngamanzi.” (Ⅰ KaPetros 3:18–20.)

10 “Kuba ngenxa yale njongo ivangeli kanjalo yashunyayelwa kubo abo bafileyo, ukuze babe nokugwetywa ngokwabantu besenyameni, kodwa bahlala ngokukaThixo bekuwo umoya.” (Ⅰ KaPetros 4:6.)

11 Njengoko ndazikisa ngokuphathelele kwezi zinto aezibhaliweyo, bamehlo okuqonda kwam avuleka, noMoya weNkosi cwaphumla phezu kwam, kwaye ndabona izihlwele dzabafileyo, kunye abancinane nabakhulu.

12 Kwaye apho babehlanganiselwe endaweni enye beliqela elingabalekiyo loomoya awamalungisa, bababethembekile kubungqina bukaYesu xa babephila enyameni;

13 Kwaye abanikela aidini ngokufanayo nedini elikhulu loNyana kaThixo, kwaye bathi bbabulaleka ngenkxwaleko egameni loMkhululi wabo.

14 Bonke aba babushiya ubomi benyama, bomelele aethembeni lovuko boluzukileyo, cngobabalo lukaThixo duYise enoKuphela koNyana wakhe oZelweyo, uYesu Krestu.

15 Ndabona ukuba babezaliswe aluvuyo nemihlali, kwaye babegcobe kunye ngenxa yokuba umhla wokukhululwa wawukufuphi.

16 Babehlangene belindele ukuza koNyana kaThixo akwilizwe lemimoya, ukubhengeza inkululeko yabo bkumakhamandela okufa.

17 Uthuli lwabo oluleleyo lwaluza akubuyiselwa kwimo yalo egqibeleleyo, bithambo kwithambo lalo, nemisipha nenyama phezu kwawo, cumoya nomzimba zidityaniswe zingasayi kuphinda zahlukaniswe, ukuze zibe nokufumana ukuzaliseka dkolonwabo.

18 Xa le nkitha yayilindile kwaye incokola, igcobele kwilixa lokukhululwa kwayo kumatyathanga okufa, uNyana kaThixo wabonakala, ebhengeza ainkululeko kwabathinjiweyo ababethembekile;

19 Kwaye apho awashumayela kubo bivangeli yanaphakade, imfundiso yovuko nokukhululwa koluntu cekuweni, nasezonweni zoyedwa okuxhomekeka dkwinguquko.

20 Kodwa akwabakhohlakeleyo akazange aye, naphakathi kwabangahloneli Thixo nabangaguqukiyo bababezingcolisile xa babesenyameni, ilizwi lakhe lalingaphakanyiswanga;

21 Nabavukelayo ababalayo ubungqina nezilumkiso zabaprofeti bamandulo ababubonanga ubuso bakhe, nakukhangela phezu kobuso bakhe.

22 Apho aba babekho, aubumnyama balawula, kodwa phakathi kwamalungisa kwakukho buxolo;

23 Kwaye abangcwele bagcoba aenkululekweni yabo, kwaye baguqa bngedolo baze bavuma uNyana kaThixo njengoMkhululi noMhlanguli ekufeni cnakumatyathanga esihogo.

24 Iimbonakalo zaqaqamba, anokukhanya okuvela ebusweni beNkosi kwaphumla phezu kwabo, kwaye bbacula iindumiso egameni lakhe elingcwele.

25 Ndathi khamnqa, kuba ndaqonda ukuba uMsindisi wachitha kangangeminyaka emithathu ebufundisini phakathi kwamaYuda nabo bendlu kaSirayeli, ezama ukufundisa ivangeli yanaphakade kwaye ewabizela kwinguquko;

26 Kwaye, nangona imisebenzi yakhe enamandlakazi, nemimangaliso, nokubhengezwa kwenyaniso, aemandleni negunya elikhulu, kodwa kwakukho abambalwa abaphulaphula elizwini lakhe, kwaye bagcoba ebusweni bakhe, baza bafumana usindiso ezandleni zakhe.

27 Kodwa ubufundisi bakhe phakathi kwabo babefile, babuphelela akwixesha elifutshane, buphakathi kobethelelo emnqamlezweni naseluvukweni lwakhe.

28 Kwaye ndamangaliswa ngamazwi kaPetros—kuwo awathi kuba uNyana kaThixo washumayela kubo oomoya abasentolongweni, ngelinye ixesha ababengathobeli, xa kwathi ukubulaleka okukhulu kukaThixo kwalinda emihleni kaNowa—kwaye kwenzeka njani kuye ukushumayela kwabo moya nokusebenza umsebenzi ofanelekileyo phakathi kwabo ngexesha elifutshane.

29 Kwaye njengoko ndandimangalisiwe, amehlo am avuleka, nokuqonda kwam akwatyhilwa, kwaye ndabona ukuba iNkosi ayiyanga ngobuqu phakathi kwabakhohlakeleyo nabangathobekanga abathi bayala inyaniso, ukuze ibafundise.

30 Kodwa qaphelani, phakathi kwamalungisa, ilungiselele amaqela ayo yaza yanyula abathunywa, banxityiswa aamandla negunya, kwaye yabagunyazisa ukuya phambili nokuphatha ukukhanya kwevangeli iye kubo babasemnyameni, nkqu kubo cbonke oomoya babantu, kwaye njalo kwashunyayelwa ivangeli kwabafileyo.

31 Kwaye abathunywa abakhethiweyo baya phambili ukubhengeza aumhla owamkelekileyo weNkosi nokubhengeza binkululeko kubathinjwa ababebotshiwe, nkqu ukuya kubo bonke abaya kuguquka ezonweni zabo baze bamkele ivangeli.

32 Njalo ivangeli yashunyayelwa kwabo babethe abafela ezonweni zabo, ngaphandle bkolwazi lwenyaniso, okanye kwisigqitho, bengabafunanga abaprofeti.

33 Aba bafundiswa aukholo kuThixo, ukuguquka ezonweni, bnobhaptizelo lokwenzelelela cukuxolelwa kwezono, disipho soMoya oyiNgcwele ngokubeka izandla,

34 Nayo yonke eminye imigaqo yevangeli efanele bona ukuze bazi ukuze bafanele okokuba babe anokugwetywa ngokwabantu besenyameni, kodwa bahlale ngokukaThixo bekuwo umoya.

35 Kwaye njalo kwenziwa kwazeke phakathi kwabafileyo, kunye abancinane nabakhulu, abangalunganga ngokunjalo nabathembekileyo, ukuze inkululeko ikhandwe angedini loNyana kaThixo phezu bkomnqamlezo.

36 Njalo kwenziwa kwazeka okokuba uMkhululi wethu wachitha ixesha lakhe ngokuphambukela kwakhe kwilizwe lemimoya, eyalela kwaye elungiselela oomoya abathembekileyo ababaprofeti ababethe bangqina ngaye besenyameni;

37 Ukuze ibe nokuphatha umyalezo wenkululeko kubo bonke abafileyo, kwabo wayengenako ukuya ubuqu, ngenxa ayovukelo lwabo nesigqitho, ukuze ngenkonzo yezicaka zakhe babe nokuweva kanjalo amazwi akhe.

38 Phakathi kwabakhulu nabanamandlakazi ababehlanganisene kule ntlangano inkulu yamalungisa kwakukho uBawo auAdam, weMihla yaMandulo nonguyise wabo bonke,

39 NoMama wethu ozukileyu auEva, kunye nabaninzi beentombi zakhe ezithembekileyo ezaziphile kuyo yonke iminyaka zibe zanqula uThixo oyinene nophilileyo.

40 aUAbheli, bidelakufa lokuqala, lalilapho, nomntakwabo cuSete, omnye wabanamandlakazi, owaye dengumfanekiso obonisa okayise, uAdam.

41 aUNowa, owanika isilumkiso sikanogumbe; buShem, cumbingeleli omkhulu; duAbraham, uyise wabathembekileyo; euIsake, fnoYakobi, gnoMoses umniki mthetho kaSirayeli;

42 aNoIsaya, owabhengeza ngokuprofetha okokuba uMkhululi wathanjiselwa ukubopha abantliziyo zaphukileyo, ukubhengeza inkululeko bkwabathinjiweyo, nokuvula cintolongo kwabo babebotshiwe, kanjalo babelapho.

43 Ngaphezu koko, auHezekile, owaboniswa embonweni intlambo enkulu byamathambo omileyo, awayeza kwambathiswa ngaphezulu ngenyama, ukuze eze ngaphambili kwakhona celuvukweni lwabafileyo, eyimiphefumlo ephilileyo;

44 aUDaniyeli, owabona ngaphambili kwaye waxela ngaphambili isiseko bsobukumkani bukaThixo ngemihla yokugqibela, esingasayi kwakhona sitshatyalaliswe nakunikelwa kwabanye abantu;

45 aUEliyasi, owayekunye noMoses kwiNtaba byoKwenziwa kuMila kuMbi;

46 aNoMalaki, umprofeti owangqina ngokuza bkukaEliya—kanjalo uMoronayi wathetha ngaye kuMprofeti uJoseph Smith, ebhengeza ukuba umele ukuza phambi kokungena ckwemini enkulu neyoyikekayo yeNkosi—kanjalo babelapho.

47 UMprofeti uEliya ubeza kutyala aezintliziyweni zabantwana izithembiso ezenziwa kooyise,

48 Exela ngaphambili aumsebenzi omkhulu oza kwenziwa bezitempileni zeNkosi cngexesha lokuzihlanganisela likaThixo lenzaliseko yamaxesha, ngenxa yenkululeko yabafileyo, dnokutywinela abantwana ebazalini babo, hleze umhlaba wonke ubethwe ngesiqalekiso kwaye ube yinkcitho kwaphela ekuzeni kwayo.

49 Bonke aba nabaninzi ngakumbi, nkqu aabaprofeti abahlala phakathi kwamaNifayithi baze bangqina ngokuza koNyana kaThixo, babexubene kwintlangano enkulu kwaye babelinde ukukhululwa kwabo.

50 Kuba abafileyo babekhangele ukungabikho okulithuba elide akoomoya babo emizimbeni yabo bnjengobukhoboka.

51 Aba iNkosi yabafundisa, kwaye yabanika aamandla okuza ngaphambili, emva kovuko lwayo kwabafileyo, ukungena ebukumkanini bukaYise, apho ize ithweswe bngokungafi cnobomi obungunaphakade,

52 Kwaye baqhubekeke ukusuka kwelo xesha ukuya phambili umsebenzi wabo njengoko bekuthenjisiwe yiNkosi, baze babe ngabaxhamli bazo zonke aiintsikelelo ebezilondolozelwe bona abo bayithandayo.

53 UMprofeti uJoseph Smith, nobawo, uHyrum Smith, Brigham Young, John Taylor, Wilford Woodruff, nabanye oomoya abakhethekileyo aababelondolozelwe ukuza ngaphambili kwenzaliseko yamaxesha bathathe inxaxheba ekubekeni biziseko zomsebenzi omkhulu wemihla yokugqibela,

54 Ubandakanya ukwakhiwa kweetempile nokwenziwa kwemimiselo kuzo yokukhululwa akwabafileyo, kanjalo babeselizweni lemimoya.

55 Ndaqaphela okokuba kanjalo babephakathi akwababekekileyo nabakhulu bababekhethwe ekuqalekeni ukuba babe ngabalawuli eBandleni likaThixo.

56 Nkqu phambi kokuba bazalwe, bona, kunye nabanye abaninzi, bafumana izifundo zabo zokuqala elizweni lemimoya kwaye ababelungiselelwe ukuza phambili bngexesha elifanelekileyo leNkosi basebenzele cesidiliyeni sayo usindiso lwemiphefumlo yabantu.

57 Ndabona okokuba aabadala abathembekileyo beli xesha lokuzihlanganisela likaThixo, xa besimka ebomini benyama, baqhubekekisa imisebenzi yabo ekushumayeleni ivangeli yenguquko nokukhululwa, ngedini loKuphela koZelweyo uNyana kaThixo, phakathi kwabo bbasemnyameni naphantsi kobukhoboka besono elizweni elikhulu loomoya abafileyo.

58 Abafileyo abaguqukayo baya akukhululwa, ngokuthobela bimimiselo yendlu kaThixo.

59 Kwaye emva kokuba behlawule isohlwayo sezigqitho zabo, baze abahlanjwe bacoceke, baya kufumana umvuzo bngokwemisebenzi yabo, kuba baziindlalifa zosindiso.

60 Watyhilwa njalo kum umbono wokukhululwa kwabafileyo, kwaye ndenza ubungqina, kwaye ndiyazi ukuba obu bungqina abuyinene, ngeentsikelelo zeNkosi yethu noMsindisi, uYesu Krestu, nkqu kunjalo. Amen.