Uncedo lweZifundo
Eva


Eva

Umfazi wokuqala ukuphila kulo mhlaba (Gen. 2:21–25; 3:20). Wayengumfazi ka-Adam. KwisiHebhere igama lithetha “ubomi.” Wathiywa njalo ngenxa yokuba wayengumama wabo bonke abaphilayo. (Moses 4:26) Yena noAdam, indoda yokuqala, baya kwabelana ngozuko lwanaphakade ngenxa yendima yabo ekwenzeni lubenokwenzeka uqhubekeko lwanaphadade lwalo lonke uluntu.