Uncedo lweZifundo
Isakare


Isakare

Unyana kaYakobi noLeya kwiTestamente eNdala (Gen. 30:17–18; 35:23; 46:13). Izizukulwana zakhe zaba zezinye zezizwe ezilishumi elinesibini zikaSirayeli.

Isizwe sikaIsakare

Intsikelelo kaYakobi kuIsakare ifunyanwa kwiGenesis 49:14–15. Emva kokuzinza eKanan, isizwe safumana elinye ilizwe elityebe ngokugqithileyo ePalestina, lebandakanya ithafa laseEsdrayelon. Ngaphakathi kwemida kaIsakare kwakukho iindawo ezibalulekileyo eziliqela kwimbali yesiYuda, umzekelo, iKarmele, iMegido, iDotan, iGilibhowa, iYizereli, iTabhore, neNazarete (Yosh. 19:17–23).