Uncedo lweZifundo
Enoki


Enoki

UMprofeti owakhokela abantu besixeko seZiyon. Ubufundisi bakhe buxoxiwe kuzo zombini iTestamente eNdala nePerile yeXabiso eliKhulu. Waye ngusolusapho weSixhenxe emva koAdam. Wayengunyana kaYerede noyise kaMethusela (Gen. 5:18–24; Luka 3:37).

UEnoki wayengumntu omkhulu kwaye enobufundisi obubaluleke ngakumbi kunengxelo emfutshane yeBhayibhile ebonisa ngaye. IBhayibhile yazisa ukuba akazange akubone ukufa (Heb. 11:5) kodwa ayiniki zinkcukacha zobufundisi bakhe. Yuda 1:14 uqulathe isicatshulwa sesiprofetho awasenzayo. Isityhilelo semihla yokugqibela sichaza okuninzi ngakumbi ngoEnoki, ngokukodwa okwentshumayelo yakhe, isixeko sakhe ekwakuthiwa yiZiyon, imibono yakhe, neziprofetho zakhe (I&M 107:48–57; Moses 6–7). IZiyon yathatyathelwa emazulwini ngenxa yobulungisa babo babehlala kuyo (Moses 7:69).