Uncedo lweZifundo
Sivumo, Vuma


Sivumo, Vuma

Izibhalo zisebenzisa ukuvuma ubuncinane ngeendlela ezimbini. Kolunye uluvo, ukuvuma kukuxela ukholo lomnye kwinto ethile, njengokuvuma ukuba uYesu unguKrestu (Mat. 10:32; Rom. 10:9; Ⅰ Yoh. 4:1–3; I&M 88:104).

Kolunye uluvo, ukuvuma kukuvuma ubutyala bomnye, obunje ngasekuvumeni izono. Ngumsebenzi wabantu bonke ukuvuma zonke izono zabo eNkosini baze bazuze uxolelo Lwayo (I&M 58:42–43). Xa kuyimfuneko, izono zimele ukuvunywa emntwini okanye ebantwini aboniweyo. Izono ezimandla zimele ukuvunywa kosemthethweni weBandla (kwiimeko ezininzi ngubhishophu).