Uncedo lweZifundo
Mpostile


Mpostile

KwisiGrike, uMpostile uthetha “othunyelwe phambili”. Ibiligama uYesu awalinika abaLishumi elineSibini awabanyulayo Waza wabamisela babe ngabona bangabafundi Bakhe basondeleyo nabancedisi ngethuba lobufundisi Bakhe emhlabeni (Luka 6:13; Yoh. 15:16). Wabathumela phambili ukuze bammele baze bamfundisele emva koNyuko Lwakhe. Kunye mandulo nakwiKhoram yaBapostile abaLishumi elineSibini kwiBandla elibuyiselweyo namhlanje, uMpostile ligqina elikhethekileyo likaYesu Krestu kulo lonke ihlabathi ungqina ngobunyulu Bakhe nangovuko Lwakhe kwabafileyo (Izenzo 1:22; I&M 107:23).

Ukonyulwa kwaBapostile

ABapostile banyulwe yiNkosi (Yoh. 6:70; 15:16).