Uncedo lweZifundo
Hebhere, Incwadi eya Kuma


Hebhere, Incwadi eya Kuma

Incwadi kwiTestamente eNtsha. UPawulos wabhalela amalungu angamaYuda eBandla le ncwadi ewathundeza okokuba izinto ezibalulekileyo zomthetho kaMoses zithe zaba nokuzalisekiswa kuye uKrestu nokokuba umthetho wevangeli omkhulu ngakumbi kaKrestu wathi wathatha indawo yawo. Xa uPawulos wabuyela eYerusalem ekupheleni kwemishini yakhe yesithathu (malunga nama-60 E.K.), wafumanisa ukuba amalungu angamaYuda eBandla eyesaxhomekeke emthethweni kaMoses (Izenzo 21:20). Oku kwakuyiminyaka ubuncinane elishumi emva kwenkomfa yeBandla eYerusalem athi amisa imimiselo ethile yomthetho kaMoses ukuba ayiyomfuneko elusindisweni lwamaKrestu eentlanga. Ngokucacileyo, kamsinyane emva koko uPawulos wabhalela amaHebhere ukuwabonisa ngezibhalo ezizezawo nangesizathu esivakalayo sokokuba kwakutheni ayengenakube enze umthetho kaMoses.

Izahluko 1 nese-2 zichaza ukuba uYesu mkhulu ngakumbi kuneengelosi. Izahluko 3–7 zithelekisa uYesu noMoses nomthetho kaMoses kwaye zingqina ukuba Yena mkhulu ngakumbi kunazo zombini. Zifundisa kanjalo okokuba uBubingeleli bukaMelkitsedeke bukhulu ngakumbi kunobuka-Aron. Izahluko 8–9 zichaza ukuba imimiselo kaMoses yabalungiselela njani ubufundisi bukaKrestu noKrestu ungumthetheleli njani womnqophiso omtsha (Alma 37:38–45; I&M 84:21–24). Isahluko 10 yimvuselelo kwinkuthalo nasekuthembekeni. Isahluko 11 siyintshumayelo yokholo. Isahluko 12 sinika iziyalo nemibuliso. Isahluko 13 sinxulumanisa indalo yomtshato nokubaluleka kwentobeko.