Uncedo lweZifundo
Nehemiya


Nehemiya

Indoda ebekekileyo engumSirayeli eBhabhilon kwiTestamente eNdala (ingumLevi okanye owesizwe sikaYuda) owayephethe iofisi yabangcamli entendolezweni ka-Artashashta, kuye lowo wafumana isigunyaziso sikakumkani simgunyazisa ukuba akhe iindonga zaseYerusalem.

Incwadi kaNehemiya

Le ncwadi ikukuqhubekeka kwencwadi kaEzra. Iqulathe ingxelo yenkqubela phambili neengxaki zomsebenzi eYerusalem ukulandela ukubuyela kwamaYuda ekuthinjweni eBhabhilon. Izahluko 1–7 zibalisa ngotyelelo lokuqala lukaNehemiya eYerusalem nokwakha kwakhona iindonga zesixeko nangona kwakukho inkcaso enkulu. Izahluko 8–10 zichaza ukuhlaziywa ngokwasenkolweni nasentlalweni uNehemiya awazama ukukuphumeza. Izahluko 11–13 zinika uludwe lwamagama abo babefanelekile kwaye zinika ingxelo yokubingelelwa kodonga. Iivesi 4–31 zesahluko 13 zibhalwe ngotyelelo lwesibini lukaNehemiya eYerusalem emva komka iminyaka elishumi elinesibini.