Uncedo lweZifundo
IEksodus


IEksodus

Incwadi ebhalwe nguMoses kwiTestamente eNdala echaza ukufuduka kwamaSirayeli ephuma eYiputa. Imbali engaphambili yamaSirayeli njengoko ibhalwe kwiEksodus inako ukwahlulwa ibe ziinxenye ezintathu: (1) ubukhoboka babantu eYiputa, (2) ukufuduka kwabo eYiputa phantsi kokukhokelwa nguMoses, (3) nokuzinikela kwabo ekukhonzeni uThixo ebomini babo benkolo nobomi babo bopolitiki.

Inxenye yokuqala, Eksodus 1:1–15:21, zichaza ingcinezelo kaSirayeli eYiputa; nembali yangaphambili nobizo lukaMoses; iEksodus nokumiswa kwePasika; nokumatsha ukuya kuLwandle oluBomvu, ukutshatyalaliswa komkhosi kaFaro, nengoma kaMoses yoloyiso.

Inxenye yesibini, Eksodus 15:22–18:27, zixela ngokukhululwa kukaSirayeli neziganeko zohambo ukusuka kuLwandle oluBomvu ukuya eSinayi; amanzi akraka aseMara, ukunikwa izagwityi nemana, ukuqaphela iSabatha, isipho ezingumangaliso samanzi aseRefidim, nemfazwe apho kunye nama-Amaleki; ukufika kukaYitro enkampini necebiso lakhe ngorhulumente woluntu wabantu.

Inxenye yesithathu, izahluko 19–40, zixela ngokukhululwa kukaSirayeli neziganeko zohambo ukusuka kuLwandle oluBomvu ukuya eSinayi; INkosi yabekela abantu ngokwahlukeneyo njengobukumkani bababingeleli nabesizwe esingcwele; Yona yabanika iMithetho eLishumi; Yaza yabanika imiyalelo ngomnquba, ifenitshala yawo, nokunqula kuwo. Ngoko ke kulandela ingxelo yesono sabantu ekunquleni ithole legolide, kwaye ekugqibeleni ingxelo yokwakhiwa komnquba nolungiselelo lokusetyenziswa kwawo.