Uncedo lweZifundo
Mthetho


Mthetho

Imiyalelo okanye imithetho kaThixo apho zonke iintsikelelo nezohlwayo zisekelwe khona kunye emazulwini nasemhlabeni. Abo bathobela imithetho kaThixo bazuza iintsikelelo ezithenjisiweyo. UMprofeti uJoseph Smith wafundisa ukuba abantu bamele kanjalo ukuthobela, babeke, kwaye baxhase imithetho yelizwe (V zoK 1:12).

UMthetho kaMoses yayingumthetho olungiselelayo ekuziseni amadoda nabafazi kuKrestu. Yayingumthetho wezithintelo, wezimiselo, nemimiselo. Namhlanje umthetho kaKrestu, ozalisekise umthetho kaMoses, ukukuzalisekiswa kwevangeli okanye “umthetho ogqibeleleyo wayo inkululeko” (Yak. 1:25).