Uncedo lweZifundo
Ncwadi kaMormoni


Ncwadi kaMormoni

Omnye wemiqulu emine yezibhalo eyamkelwe liBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela. Isisishwankathelo esenzwa ngumprofeti wamandulo ogama linguMormoni weembali zabemi bamandulo baseAmerika. Wawubhalelwe ukungqina ukuba uYesu nguKrestu. Ngokwale mbali, uMprofeti uJoseph Smith, owayiguqulelayo ngesipho namandla kaThixo, wathi, “Ndabaxelela abazalwana okokuba iNcwadi kaMormoni yayichaneke ngokugqithisileyo kunayo nayiphina incwadi emhlabeni, kwaye lilitye lembombo lenkolo yethu, kwaye umntu wayeya kusondela kufutshane ngakumbi kuThixo ngokuhlala emithethweni yayo, kunayo nayiphina incwadi” (khangela intshayelelo ngaphambili kwiNcwadi kaMormoni).

INcwadi kaMormoni yimbali yenkolo yamaqela amathathu abantu abafuduka bevela kwiLizwe eliDala besifa kwilizwekazi leAmerika. La maqela ayekhokelwe ngabaprofeti abebebhale iimbali zenkolo nezelizwe emacwecweni esinyithi. INcwadi kaMormoni ibhale utyelelo lukaYesu Krestu ebantwini baseAmerika emva koVuko Lwakhe. Ithuba loxolo leminyaka engamakhulu amabini lalandela olo tyelelo lukaKrestu.

UMoronayi, umprofeti ongumbhali-mbali wokugqibela wamaNifayithi, watywina iimbali ezishwankathelweyo zaba bantu waza wazifihla malunga nowa-421 E.K. Ngowe-1823, uMoronayi ovusiweyo watyelela uJoseph Smith waza emva koko wamzisela ezi mbali zamandulo nezingcwalisiweyo ekubeni ziguqulelwe zize ziziswe ngaphambili ehlabathini njengenye itestamente kaYesu Krestu.