Uncedo lweZifundo
Estere


Estere

Umfazi onokholo olukhulu nongumntu ophambili kwincwadi kaEstere.

Incwadi kaEstere

Incwadi ekwiTestamente eNdala equlathe ibali lenkalipho enkulu kukaKumkanikazi uEstere ekusindiseni abantu bakhe ekutshabalaleni.

Izahluko 1–2 zixela ukuba uEstere, umfazi ongumYuda noyintombi eyamkelwa njengomntwana wendoda yomYuda ekwakusithiwa nguMordekayi, wakhethwa njani njengokumkanikazi wasePersi ngenxa yobuhle bakhe. Isahluko 3 sichaza ukuba uHaman, indoda eyintloko esangweni likakumkani, yamcaphukela uMordekayi kwaye yafumana ummiselo wokubulala bonke abantu abangamaYuda. Izahluko 4–10 zixela ukuba uEstere wabutyhila njani ubuzwe obubobakhe kukumkani, ezibeka emngciphekweni omkhulu waza wafumana ukubuyiselwa umva kommiselo.