Uncedo lweZifundo
Hezekiya


Hezekiya

Ukumkani onobulungisa wesizwe samaYuda kwiTestamente eNdala. Walawula iminyaka engamashumi amabini anesithoba, ngexesha uIsaya awayengumprofeti kwaYuda (Ⅱ OoKum. 18–20; Ⅱ IziKr. 29–32; Isaya 36–39). UIsaya wamncedisa ekwakheni kwakhona kunye ibandla nelizwe. Waphelisa unqulo lwezithixo waza wamisela kwakhona iinkqubo zetempile. Ubomi bukaHezekiya bongezelelwa ngeminyaka elishumi elinesihlanu ngomthandazo nokholo (Ⅱ OoKum. 20:1–7). Inxenye yokuqala yolawulo lwakhe yaba nempumelelo, kodwa uvukelo lwakhe ngokuchasene nokumkani waseAsiriya (Ⅱ OoKum. 18:7) kwazala uhlaselo lwama-Asiriya okubini: olokuqala lichazwe kuIsaya 10:24–32, olwesibini koo Ⅱ OoKumkani 18:13–19:7. Kuhlaselo lwesibini, iYerusalem yasindiswa yingelosi yeNkosi (Ⅱ OoKum. 19:35).