Uncedo lweZifundo
Sihogo


Sihogo

Isityhilelo semihla yokugqibela sithetha ngesihogo ubuncinane ngezimvo ezimbini. Okokuqala, likhaya lomzuzwana kwilizwe labo babengathobelanga kubomi obunokufa. Kolu luvo, isihogo sinesiphelo. Oomoya apho baya kufundiswa ivangeli, kwaye ixesha elithile ilandela inguquko yawo iya kuvuselwa kwiqondo lobuqaqawuli apho iya kufaneleka. Abo bangayi kuguquka, kodwa nangona kunjalo ingengabo oonyana besihogo, baya kusala esihogweni kuyo yonke iMileniyam. Emva kwale minyaka iliwaka yentuthumbo, baya kuvuselwa kubuqaqawuli bethelestiyali (I&M 76:81–86; 88:100–101).

Okwesibini, yindawo yokuhlala esisigxina yabo bangakhululwanga yiNtlawulelo kaYesu Krestu. Kolu luvo, isihogo sisigxina. Sesabo bafunyenwe “besenyhukunyhuku” (I&M 88:35, 102). Le yindawo apho uSathana, neengelosi zakhe, noonyana besihogo—abo bamkhanyelayo uNyana emva kokuba uYise wamtyhilayo—baya kuhlala ngonaphakade (I&M 76:43–46).

Ngamanye amaxesha izibhalo zibhekisa kwisihogo njengobumnyama bangaphandle.