Uncedo lweZifundo
Zedekiya


Zedekiya

KwiTestamente eNdala, ngukumkani wokugqibela wakwaYuda (Ⅱ OoKum. 24:17–20; 25:2–7). UZedekiya wavalela entolongweni umprofeti uYeremiya (Yer. 32:1–5), noYeremiya waprofetha ngokuthinjwa kukaZedekiya (Yer. 34:2–8, 21). ULihayi nosapho lwakhe babehlala eYerusalem ngethuba lonyaka wokuqala wolawulo lukaZedekiya (1 Nif. 1:4). Bonke kodwa omnye woonyana bakaZedekiya wabulawa; unyana wakhe uMyuleki wabalekela kwiHemifere eseNtshonalanga (Yer. 52:10; Omn. 1:15; Hil. 8:21).