Uncedo lweZifundo
Thixo, Ntloko yoButhixo


Thixo, Ntloko yoButhixo

Kukho iziqu ezithathu ezahlukeneyo kwiNtloko yobuThixo: Thixo, uBawo waNaphakade; uNyana Wakhe, uYesu Krestu; noMoya oyiNgcwele. Sikholelwa kuye ngamnye Kubo (V zoK 1:1). Kwisityhilelo semihla yokugqibela sifunda okokuba uYise noNyana banemizimba ephathekayo yenyama nethambo nokokuba uMoya oyiNgcwele sisiqu somoya, esingenanyama namathambo (I&M 130:22–23). Ezi ziqu zithathu zinye kumanyano olugqibeleleyo nemvisiswano yenjongo nemfundiso (Yoh. 17:21–23; 2 Nif. 31:21; 3 Nif. 11:27, 36).

Thixo uBawo

UnguBawo jikelele, okanye uElohim, ekubhekiswa kuye ngegama elinguThixo. Ubizwa ngokuba nguBawo ngenxa yokuba Yena nguyise woomoya bethu (Num. 16:22; 27:16; Mal. 2:10; Mat. 6:9; Efese 4:6; Heb. 12:9). UThixo uBawo ungumlawuli oyena uphezulu kwindalo yonke. Ungamandla onke (Gen. 18:14; Alma 26:35; I&M 19:1–3), owazi konke (Mat. 6:8; 2 Nif. 2:24), nokhoyo endaweni zonke ngoMoya Wakhe (IiNd. 139:7–12; I&M 88:7–13, 41). Uluntu lunobudlelane obukhethekileyo noThixo obubeka umntu angafani nazo zonke ezinye izinto ezidaliweyo: amadoda nabafazi ngabantwana bakaThixo ngokwasemoyeni (IiNd. 82:6; Ⅰ Yoh. 3:1–3; I&M 20:17–18).

Kukho izihlandlo ezimbalwa ezibhaliweyo zikaThixo uBawo ebonakala okanye ethetha nomntu. Izibhalo zithi okokuba Yena wathetha noAdam noEva (Moses 4:14–31) waza wazisa uYesu Krestu kwizihlandlo eziliqela (Mat. 3:17; 17:5; Yoh. 12:28–29; 3 Nif. 11:3–7). Wabonakala kuStefano (Izenzo 7:55–56) noJoseph Smith (M—JS 1:17). Kamva Yena wabonakala kubo bobabini uJoseph Smith noSidney Rigdon (I&M 76:20, 23). Kwabo bathanda uThixo bahlambulula iziqu zabo phambi Kwakhe, uThixo ngamanye amaxesha unika ilungelo elilodwa lokuzibonela nokuzazela ngokwabo ukuba Yena unguThixo (Mat. 5:8; 3 Nif. 12:8; I&M 76:116–118; 93:1).

Thixo uNyana

UThixo owaziwa njengoYehova unguNyana, uYesu Krestu (Isaya 12:2; 43:11; 49:26; Ⅰ Kor. 10:1–4; Ⅰ Tim. 1:1; Isityh. 1:8; 2 Nif. 22:2). UYesu usebenza phantsi kolawulo lukaBawo kwaye Yena unemvisiswano egqibeleleyo kunye Naye. Lonke uluntu lungabantakwabo noodade, kuba Yena ungoyena mdala wabantwana bakaElohim ngokwasemoyeni. Ezinye izalathiso zezibhalo zalathe Kuye ngelizwi likaThixo. Umzekelo, isibhalo sithi okokuba “uThixo wadala amazulu nehlabathi” (Gen. 1:1), kodwa yayinguYesu ngokwenene owayenguMdali phantsi kolawulo lukaThixo uYise (Yoh. 1:1–3, 10, 14; Heb. 1:1–2).

Thixo uMoya oyiNgcwele

UMoya oyiNgcwele kanjalo unguThixo kwaye kuthiwa nguMoya oyiNgcwele, uMoya, noMoya kaThixo, phakathi kwamanye amagama afanayo nezihlonipho. Ngoncedo luka Moya oyiNgcwele, umntu unako ukuyazi intando kaThixo uBawo nokwazi ukuba uYesu unguKrestu (Ⅰ Kor. 12:3).