Uncedo lweZifundo
Hilamani, unyana kaHilamani


Hilamani, unyana kaHilamani

Umprofeti nomgcini weembali kwiNcwadi kaMormoni owafundisa abantu bamaNifayithi. Wayengumzukulwana ka-Alma oMncinane noyise kaNifayi owayenikwe amandla phezu kwazo zonke izinto. Ekunye nonyana wakhe uNifayi, uHilamani wabhala incwadi kaHilamani.

Incwadi kaHilamani

Izahluko 1–2 zichaza ixesha lenkathazo enkulu yopolitiko. Izahluko 3–4 zibhala okokuba uHilamani noMoronayiha, umphathi mikhosi omkhulu wemikhosi yamaNifayithi, ekugqibeleni waba nako ukuphumelelisa uxolo ixesha elithile. Nangona kunjalo, ukumelana nobunkokeli bala madoda alungileyo, abantu bakhula kwinkohlakalo ngokwandileyo. Izahluko 5:1–6:14 uNifayi wasinikezela isihlalo-sokubweba, njengoko wenzayo uyisemkhulu uAlma, esiya kufundisa abantu. Ixesha elithile abantu bagoquka. Kwizahluko 6:15–12:26, nangona kunjalo, isizwe samaNifayithi sakhohlakala. Izahluko zokugqibela, 13–16, ziqulathe ingxelo engaqhelekanga yomprofeti ekwakusithiwa nguSamuweli umLeymenayithi owaxela ngaphambili ukuzalwa noKubethelelwa emnqamlezweni koMsindisi nemiqondiso eya kuphawula ezo ziganeko.