Uncedo lweZifundo
Adam


Adam

Umntu wokuqala owadalwa emhlabeni.

UAdam nguyise nosolusapho wesizwe soluntu emhlabeni. Ukreqo lwakhe eMyezweni we-Eden (Gen. 3; I&M 29:40–42; Moses 4) kwamenza wawa waza waba yinyama, inyathelo elifanelekileyo ukuze uluntu uluntu luqhubekeke kulo mhlaba (2 Nif. 2:14–29; Alma 12:21–26). UAdam noEva bamele ngoko ukuhlonitshwa ngendima yabo ekwenzeni ukukhula kwethu kwanaphakade kwenzeke. UAdam liNyangelemihla kwaye kanjalo waziwa njengoMikayeli (Dan. 7; I&M 27:11; 107:53–54; 116; 138:38). Usisiphatha-zithunywa (I&M 107:54) kwaye uya kuza kwakhona emhlabeni njengosolusapho wosapho loluntu (I&M 116).