Icandelo 116
Isicatshulwa esivela kwimbali kaJoseph Smith ebalisa ngesityhilelo esinikwe uJoseph Smith uMprofeti, kufutshane neFerry kaWight, endaweni ekuthiwa yiSpring Hill, eDaviess Khawunti, eMissouri, Meyi okanye Juni 1838.
1 ISpring Hill ithiywe yiNkosi sayiAdam-ondi-Ahman, ngenxa yokuba, yathi, siyindawo apho uAdam aya kuza kuyo andwendwele abantu bakhe, okanye uNyangelemihla uya kuhlala, njengoko kuthethwe njalo nguDaniyeli umprofeti.