Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 62


Icandelo 62

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti, kudonga loMlambo iMissouri eChariton, Missouri, Agasti 13, 1831. Ngale mini uMprofeti neqela lakhe, elalisendleleni livela eIndependence lisiya eKirtland, ladibana nabadala abaliqela ababesendleleni yabo eya kumhlaba weZiyon, kwaye, emva kwemibuliso yolonwabo, wafumana esi sityhilelo.

1–3, Ubungqina buyabhalwa ezulwini; 4–9, Abadala bamele ukuhamba kwaye bashumayele ngokunxulumene nesigwebo nanjengoko kwalathwa nguMoya.

1 Qaphelani, kwaye nimamele, Owu nina badala bebandla lam, itsho iNkosi uThixo wenu, nkqu uYesu Krestu, aumthetheleli wenu, obaziyo ubuthathaka bomntu nokuba bangabanceda njani abo cbahendwayo.

2 Kwaye inene amehlo am aphezu kwabo bangekathi banyukele kumhlaba waseZiyon; ngako oko umsebenzi wenu awukathi uphelele.

3 Nangona kunjalo, nisikelelwe, kuba aubungqina enibenzileyo bbubhaliwe ezulwini ukuze iingelosi zibujonge; kwaye ziyavuya ngani, kwaye cizono zenu zixolelwe.

4 Kwaye ngoku qhubekekani nohambo lwenu. Zihlanganiseleni phezu komhlaba awaseZiyon; nize nibambe intlanganiso nize nigcobe kunye, kwaye ninike umthendeleko woseNyangweni.

5 Kwaye ngoko ninokubuyela ninike ubungqina, ewe, nkqu ninonke, okanye ngababini ngababini, njengoko kubonakala kunilungele, akunamsebenzi kum; kuphela thembekani, nize anibhengeze iindaba ezivuyisayo kubemi bomhlaba, okanye phakathi kweentlanganiso zabakhohlakeleyo.

6 Qaphelani, mna, iNkosi, ndinizise kunye ukuze isithembiso sibe nokuzalisekiswa, ukuze abathembekileyo phakathi kwenu babe nokulondolozwa baze bavuye kunye kumhlaba waseMissouri. Mna, iNkosi, ndithembisa abathembekileyo kwaye andinako aukuxoka.

7 Mna, iNkosi, ndiyavuma, ukuba abanye phakathi kwenu banqwenela ukukhwela phezu kwamahashe, okanye phezu kwamaesile, okanye kwiinqwelo, uya kufumana le ntsikelelo, ukuba uyayifumana ivela kwisandla seNkosi, ngentliziyo aenombulelo kuzo zonke izinto.

8 Ezi zinto kusele nani ukuzenza ngokunxulumene nesigwebo nezikhokelo zoMoya.

9 Qaphelani, aubukumkani bobenu. Kwaye qaphelani, kwaye yabonani, brhoqo ndikunye nabathembekileyo. Nkqu kunjalo. Amen.