Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 131


Icandelo 131

Imiyalelo enikwe nguJoseph Smith uMprofeti, eRamus, eIllinois, Meyi 16 no 17, 1843 1843.

1–4, Umtshato weselestiyali ubalulekile ekuphakanyiselweni kwelona zulu liphezulu; 5–6, Abantu batywinelwa njani kubomi obungunaphakade uyakuchaza; 7–8, Wonke umoya uyinto.

1 Kubuqaqawuli abeselestiyali kukho amaqondo amathathu amazulu;

2 Kwaye ukuze azuze elona aliphakamileyo umntu umele ukungena kolu hlobo lobubingeleli [oluthetha umnqophiso bomtsha nowanaphakade womtshato];

3 Kwaye ukuba akenzi njalo, akanako ukubuzuza.

4 Unokungena kobunye, kodwa obo sisiphelo sobukumkani bakhe; akanako ukuba anokwanda.

5 (Meyi owe-17, 1843.) Ilizwi eliqiniseke ngakumbi alesiprofetho lithetha ukwazi komntu ukuba butywinelwe ckubomi obungunaphakade, ngesityhilelo nomoya wesiprofetho, ngamandla woBubingeleli obuNgcwele.

6 Akwenzeki ukuba umntu aasindiswe bekungazini.

7 Akukho nto injalo enjengento engento. Wonke aumoya uyinto, kodwa ucoleke ngakumbi okanye umsulwa, kwaye unako kuphela ukucalulwa bngamehlo ahlambuluke ngakumbi;

8 Asinako ukuwubona; kodwa xa imizimba yethu ihlambulukile siya kukubona ukuba uyinto yonke.