Izibhalo
ISibhengezo esiseMthethweni 1


ISibhengezo esiseMthethweni 1

IBhayibhile neNcwadi kaMormoni zifundisa ukubo ukutshata umntu omnye ngexesha (monogamy) libanga likaThixo lobomi ngaphandle kokuba Yena ubhengeze ngenye indlela (bona II Samuweli 12:7–8 noYakobi 2:27, 30). Ukulandela isityhilelo esaya kuJoseph Smith, ukwenza isithembu kwasekwa phakathi kwamalungu eBandla ebutsheni bowe-1840 (bona icandelo 132). Ukususela kowe-1860 kuye kowe-1880 urhulumente waMazwe oMdibaniso waphumelelisa imithetho yokwenza esi siqhelo senkolo singabikho mthethweni. Le mithetho yaye ekugqibeleni yaxhaswa yiNkundla ePhakamileyo yaMazwe oMdibaniso. Emva kokufumana isityhilelo uMongameli uWilford Woodruff wakhupha iManifesto elandelayo, eyamkelwayo liBandla njengesigunyazisi esikhutshiweyo nesibophelelo ngo-Oktobha 6, 1890. Oku kwakhokelela ekupheleni kokwenziwa kwesithembu eBandleni.

Kulowo Sinokumchaphazela:

Iingxelo zamaphepha-ndaba zithunyelelwe iinjongo zopolitiko, zivela eSalt Lake City, ebezipapashwe ngokubanzi, kuthabathiseko lokuba iKomishini yaseUtah, kwingxelo yayo yakutsha nje eya kuNobhala wezangaPhakathi, zibanga okokuba imitshato yokutshata abafazi abaninzi isatshatiswa nokokuba imitshato enjalo engamashumi amane nangaphezulu ithe yamanywa eUtah ukususela kuJuni odlulileyo okanye kunyaka odlulileyo, okokuba kanjalo kwiintshumayelo zikawonke-wonke iinkokeli zeBandla zifundise, zakhuthaza kwaye zagxininisa uqhubekeko lokwenziwa kwesithembu—

Mna, ke ngoko, njengoMongameli weBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela, ndeza ngenxa yoko, ngolona lona hlobo lundilisekileyo, ndibhengeza okokuba ezi zityholo aziyonyaniso. Asifundisi sithembu okanye umtshato wokutshata abafazi abaninzi, singavumeli nokuvumela nawuphina umntu angene ekuwenzeni, kwaye mna ndiphika okokuba inokuba ngamashumi amane okanye naliphi elinye inani lemitshato yokutshata abafazi abaninzi ethe ngeloo xesha yatshatiswa kwiiTempile zethu okanye kuyo nayiphina enye indawo eMmandleni.

Esinye isehlo sixeliwe, kuso amaqela atyhola okokuba umtshato wenziwa e-Endowment House (eNdlu yeZipho) eSalt Lake City, eNtwasahlobo yowe-1889, kodwa andibanga nako ukufunda ukuba ngubani owenza inkonzo eyodwa; nantoni na eyenziwa kulo mba yayingaphandle kolwazi lwam. Kwisiphumo sesi sehlo singenabungqina e-Endowment House ngemiyalelo yam, yadilizwa ngaphandle kokulibazisa.

Njengokuba imithetho yayimiselwe liBhunga eliwisa imithetho lisala imitshato yokutshata isithembu, imithetho leyo yayibhengeziwe ngokomgaqo-siseko yinkundla yecebo lokugqibela, ndibhengeza ngenxa yoko injongo yam yokuthobela loo mithetho, nokusebenzisa impembelelo yam kunye namalungu eBandla endongamele phezu kwalo ndibenza benze ngokunjalo.

Akukho nto kwiimfundiso zam eBandleni okanye kwabo bangamadlelane am, ngexesha elibalulweyo, enganako ukucacisa ngokufanelekileyo emilisela okanye ekhuthaza isithembu; kwaye xa nawuphina uMdala weBandla ethe wasebenzisa ulwimi olubonakale luphethe nayiphina imfundiso enjalo, ukhalinyelwe ngokukhawuleza. Kwaye ngoku ndibhengeza ngokuphandle okokuba icebiso lam kwabaNgcwele beMihla yokuGqibela kukuyeka ukumanya nawuphina umtshato owalelwe ngumthetho welizwe.

Wilford Woodruff

UMongameli weBandla likaYesu Krestu
labaNgcwele beMihla yokuGqibela.

UMongameli uLorenzo Snow wanika okulandelayo:

“Ndiphakamisa ukuba, ndamkela uWilford Woodruff njengoMongameli weBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela, nokuphela komntu emhlabeni ngexesha langoku ophethe izitshixo zokutywina imimiselo, simthatha ukuba ugunyaziswe ngokupheleleyo ngenxa yesikhundla sakhe ekubeni akhuphe iManifesto ethe lwafundwa engxoxweni yetyala, nebhalwe umhla wama-24 Septemba, 1890, nokokuba njengoko iBandla lihlangene kwiNkomfa Jikelele, siyasamkela isibhengezo sakhe ngokunxulumene nemitshato yokutshata isithembu njengesikhutshwe ngegunya kwaye sibophelela.”

Salt Lake City, Utah, Oktobha 6, 1890.

Izicatshulwa Ezivela Kwiintetho
Zikamongameli Wilford Woodruff
Ngokuphathelele kuManifesto

INkosi ayinakuze inivumele okanye nawuphina omnye umntu omi njengoMongameli weli Bandla anikhokelele ekulahlekeni. Akukho kwinkqubo. Akukho engqondweni kaThixo. Ukuba bendinokukulinga oko, iNkosi ibiya kundisusa endaweni yam, nangokunjalo iya kwenza nakowuphina omnye umntu ozama ukukhokelela ekulahlekiseni abantwana babantu kwimimiselo kaThixo nasemsebenzini wabo. (INkomfa Jikelele yeBandla yeSiqingatha sonyaka wamashumi amathandathu ananye, uMvulo, Oktobha 6, 1890, Salt Lake City, Utah. Ingxelo kwiDeseret Evening News, Oktobha 11, 1890, iph. 2.)

Akunamsebenzi nokuba ngubani ophilayo okanye ofayo, okanye obizelwe ukukhokela eli Bandla, bamele ukulikhokela ngempembelelo kaThixo uSomandla. Ukuba abakwenzi ngalo ndlela, abanako kwaphela ukukwenza. …

Ndibe nezityhilelo ezithile zabangasekhoyo, nabanye ababaluleke kakhulu kum, kwaye ndiza kunixelela oko iNkosi ikuthethileyo kum. Mandizise iingqondo zenu koko kubizwe iManifesto. …

INkosi indixelele ukuba ndibuze abaNgcwele beMihla yokuGqibela umbuzo, kwaye kanjalo yandixelela ukuba xa beya kumamela koko ndakuthethayo kubo baze baphendule umbuzo obekwe phambi kwabo, nguMoya namandla kaThixo, baya kuphendula bonke ngokufanayo, kwaye baya kukholelwa bonke ngokufanayo ngokuphathelele kulo mba.

Umbuzo ngulo: Yiyiphi eyona ndlela ilumke ngokugqithisileyo emayilandelwe ngabaNgcwele beMihla yokuGqibela—ukuqhubekeka bezama ukwenza imitshato yokutshata isithembu, ngemithetho yesizwe ngokuchasene nawo nenkcaso yezigidi ezingamashumi amathandathu zabantu, nangexabiso lokuthimba nelahleko yazo zonke iiTempile, nokuyekwa kwayo yonke imimiselo kuzo, yomibini eyabaphilileyo neyabafileyo, nokufakwa entologweni koBumongameli boKuqala nabaLishumi elineSibini neentloko zeentsapho eBandleni, nokuthinjwa kweepropati zomntu othile ezizezabantu (konke okoko kweziqu zabo kuya kuyekisa ukwenza); okanye, emva kokwenza nokubulalekela oko sinako ngokubambelela kwethu kulo mgaqo ekubeni siyeke ukwenza size sithobele umthetho, kwaye ngokwenza njalo sishiye aBaprofeti, aBapostile noobawo emakhayeni, khonukuze babenako ukuyalela abantu baze benze imisebenzi yeBandla, kananjalo bashiyele iiTempile ezandleni zabaNgcwele, khonukuze babenako ukwenza imimiselo yeVangeli, yomibini eyabaphilileyo nabafileyo?

INkosi yandibonisa ngombono nesityhilelo ngokuchanekileyo oko kuya kwenzeka ukuba sasingayeki esi senzo. Ukuba sasingenakusiyeka, beningasayi kuba namsebenzi waso. … Nabaphina abababantu kule tempile eLogan; kuba yonke imimiselo iya kuyekiswa kuwo wonke umhlaba weZiyon. Umbhodamo uya kulawula kuye wonke uSirayeli, nabantu abaninzi baya kwenziwa amabanjwa. Le nkathazo ibiya kuza phezu kweBandla lonke, kwaye besiya kube sinyanzelwe ekuyekeni isenzo. Ngoku, umbuzo uthi, nokokuba simele ukuyekiswa ngolu hlobo, okanye ngendlela iNkosi eyibonakalise kuthi, size sishiye aBaprofeti bethu naBapostile nootata bengabantu abakhululekileyo, neetempile zisezandleni zabantu, khonukuze abafileyo babe nokukhululwa. Inani elikhulu selithe lakhululwa endlwini yentolongo kwilizwe lemimoya ngaba bantu, kwaye umsebenzi uya kuqhubekeka okanye ume? Lo ngumbuzo endiwubeka phambi kwabaNgcwele beMihla yokuGqibela. Ninokuzigwebela ngokwenu. Ndifuna niwuphendulele iziqu zenu. Andisayi kuwuphendula; kodwa ndithi kuni okokuba leyo yimeko echanekileyo thina njengabantu ebe ngesikuyo ukuba besingathathanga indlela esinayo.

… Ndabona ngokuchanekileyo okwakuya kwenzeka ukuba kwakungekho nto yenziwayo. Ndithe ndaba nalo moya phezu kwam ixesha elide. Kodwa ndifuna ukuthetha oku: Ngendithe ndayeka iitempile zaphuma ezandleni zethu; ngendiye entolongweni isiqu sam, ndaza ndayekela wonke omnye umntu waya apho, kungathanga uThixo wamazulu wandiyalela ekwenzeni oko ndakwenzayo; ukuze xa ilixa lifikile lokuba ndenze oko, konke kwakucacile kum. Ndahamba phambi kweNkosi, kwaye ndabhala oko iNkosi yandixelela ukuba ndikubhale. …

Ndikushiya oku kunye nani, ukuba nikucamngce kwaye nikucinge. INkosi isemsebenzini kunye nathi. (INkomfa yeSteyki yaseCache, eLogan, Utah, ngeCawe, Novemba 1, 1891. Ingxelo kwiDeseret Weekly, Novemba 14, 1891.)

Ngoku ndiza kunixelela oko kwabonakaliswa kum noko uNyana kaThixo wakwenzayo kule nto. … Zonke ezi zinto ngezibe zenzekile, njengoko uThixo uSomandla ephila, ukuba bekungathanga le Manifesto ibe inikiwe. Ke ngoko, uNyana kaThixo waziva elahliwe ekubeni loo nto iziswe eBandleni nasehlabathini ngenxa yeenjongo ezisengqondweni eyiyeyakhe. INkosi imisele ukumiswa kweZiyon. Imisele ukugqitywa kwale tempile. Imisele okokuba usindiso lwabaphilileyo nabafileyo lunikwe kwezi ntlambo zeentaba. Kwaye uThixo uSomandla umisele okukuba uMtyholi angabi nakuluphazamisa. Ukuba ninako ukukuqonda oko, kusisitshixo kulo. (Kuvela kwintetho yeseshini yesithandathu yokubingelelwa kweTempile iSalt Lake, Aprili 1893. Iphepha elichwetheziweyo leeNkonzo zoBingelelo, ooVimba, iSebe leeMbali zeBandla, Salt Lake City, Utah.)